SPEECH BY PROF L M MBADI DURING THE BUDGET DEBATE

27 February 2004

Somlomo,
Sekela Somlomo osesihlalweni,
Malungu ahloniphekileyo.

Malungu ale ndlu abekekileyo, besikho apha kule ndlu ngomhla we - 18 kule imiyo, xa iNjoli yezemali ibitshila kule nkundla isithi: "WAGWETYWA NDLALA" ibisithi ikati isusiwe eziko kumzi nomzi, ingakhethi phela emasini. Nani apho emakhaya nizivele okaMasala uthe le Njoli mayikhawuleze ithume oonozakuzaku bayo babe izithebe, amaxhego namaxhegokazi angade omiwe yingwiqi.

Siphakamela ukungqina ukuba ibingengomampunge, jonga ke :-

Zibekwa nje iNjoli ijongene nekati eziko kwizibonelelo zabantwana (Child Support Grants) ibacuntsulele iR10 ngenyanga. Khumbulani ke Mawethu ukuba ukususela ku -2003, uRhulumente esi sibonelelo usinabisele kubantwana abaminyaka ili-9, latsho inani labantwana abaxhaswa sesi sibonelelo laya kutsho kwizigidi -4.

Kulo nyaka, esi sibonelelo siya kuthi xhaxhe kubantwana abangaphantsi kwe-11 ukuze kunyaka ozayo sinabele kwabangaphantsi kwe -14.

Siyabeva oonokrawuzana besenza intlekisa ngentlungu yentswela yabantwana abazalwa ngabantu abahluphekileyo. Bambi bathi lo Rhulumente ukhuthaza inzala kumantombazana. Urhulumente omkhatheleleyo umntu ujonge intlupheko yomntwana, hayi ekanina. Urhulumente uphelise isigwebo sentambo, angathini ke ngoko ukukhuthaza imbulala-bantwana abangazizelanga kweli lizwe.

Ewe kambe, buninzi bona ubuqhophololo nobutshijolo obenziwa ngabantu kwesi sibonelelo. Amagosa kaRhulumente makabusiphule nengcambu obu bukrelemnqa.

Kwisibonelelo sabadala, inkamnkam, kwanabakhubazekileyo sinyuswe ngama - R40 ukuya kuR740 ngenyanga. Bambi bathi le mali incinci xa kuthelekiswa nentswelo-misebenzi phaya emaphandleni. Bafuna ke ngoko inyuswe ibe li - R1000. Kaloku kugaywa iivoti, Mawethu.

Nilibala msinya. Izolo oku bekukho ucalucalulo kwezi zibonelelo. Abamhlophe befumana ngaphezulu. Abamnyama becuntsulelwa nje, noko kusenziwa emva kwenyanga ezimbini. Ngoku, okoko kwangena lo Rhuluumente wesininzi ezi zibonelelo ziyalingana kumntu wonke yaye ziphuma nyanga zonke.

Ucuntsu akafani noshici, kuya kulunga ngenye imini. Asimanga ndawonye.

Eyithethelela le Budget oka Manuel uthi, "inani labafumana izibonelelo linyukile kuleminyaka ilishumi idlulileyo. Lisuka kwizigidi eziyi 2.9 ukuya kwizigidi eziyi 7.4 zabantu. Kodwa kunjalo idabi lokulwa intlupheko liyaqhubeka.

Eyokuba ubomi emaphandleni bebungcono kunangoku bubuvuvu obungenasihlahla. Ndizelwe ndakhulela yaye ndisahlala khona nangoku. Buyandazi ndiyabazi. Ndilapha ndilaphele intlalo nempilo yabantu basemaphandleni. Iintlungu neentlupheko ndabelana ngazo nabo.

Ngubani owayesazi ukuba abantu bangahlukana nokukha amanzi kude okanye babelane nezilwanyana emithonjeni, emilanjeni nasemadamini nezilwanyana. Amanzi kule mihla acocekileyo aphuma ezimpompini oku kwasedolophini. Imizi emininzi inawo nasezindlini.Bakwasebenzisa la manzi nakwizindlu zangasese.

Ewe siyavuma, olu phuhliso alukafikeleli kuzo zonke iindawo.

Bekufudulwa kusiyiwa endle kodwa kule mihla phantse yonke imizi inezindlu zangasese.

Qhuba isithuthi sakho phakathi elalini ebusuku. Dolophu yakwabani!! Phantse yonke imizi inezibane zogesi, kuphekwa ngogesi. Izithunzela noothikoloshe azinandlela yakuhamba, kanti kwanamagqwirha nabenzi bobubi oyika ukusolwa kuthiwe, - "UYABONWA!!".

Iilali ziyekile ukubhalwa ziindledlana zeebhokwe eziya emadlelweni. Kukho imigaqo ekuhamba kuyo iimoto. Ewe, abanye abantu baneemoto eziquqa ziquqile ukuthutha abantu zibasa edolophini. Izileyi zayekwa, ekuthwaleni izidumbu. Kuphucukiwe, akusadliwa ngendebe endala.

Mphulaphuli akunako ke ngoko ukumfamekisa umntu wasemaphandleni uthi ubomi bebungcono ngaphambili kunangoku.

Ukubonelelwa kwabantwana ngokutya phantsi kwe-Primary School Nutrition Program kwenze abantwana badlamka, basegazini, bazithanda izikolo. Besiphi esi sibonelelo ngaphambili? Ziinguqu ezi ezize noRhulumente wesininzi, okhokelwa ngKhongolozi. Siyazingca ngalo Rhulumente obeka umntu kuqala. Sinjalo isikhukukazi ukuwakhathalela amantshontsho.

Esi sibonelelo okwangoku siphantsi kolawulo lweSebe leMpilo. Ukususela ku-April walo umiyo siya kuba phantsi kolawulo lukaMdengentonga, into ka-Asmal, iSebe leMfundo ukutsho. Kucace mhlophe okwekati emnyama ehlungwini, ukuba esi sibonelelo songeza ukondliwa kwabona bantwana bahlelelekileyo kumabanga aphantsi ezikolweni.

Intsebenziswano phakathi koRhulumente nabantu basemaphandleni iyalunqumamisa uxhinelo zidolophini ngelokuya kufuna umsebenzi. Kaloku nto zakuthi la matyotyombe asezidolophini adalwa ngabantu abaze kufuna imisebenzi begxothwa yindlala emakhaya.

Uphuhliso lwasemakhaya lulo oluyakudala uzinzo kweli lizwe. Ubutyebi beli lizwe makwabelwane ngabo.

Masiyeni ebantwini sibaxelele ngokwenziweyo ngempumelelo nokuseza kwenziwa. Masingababethi ngemfe iphindiwe. Masinyaniseke ukuze basithembe.