SPEECH BY ADVOCATE S HOLOMISA ANC MP, DURING THE DEBATE ON THE COMMUNAL LAND RIGHTS BILL

Issued by African National Congress - Parliament

12 February 2004

Mhlalingaphambili, ziNkosi eziphakathi kwethu, malungu abekekileyo aleNdlu yoWiso-Mthetho, iNgqungquthela yeSizwe sama-Afrika, i-ANC, iwuxhasa ngaphandle kwamathandabuzo, iwamkela ngazo zozibini, lo mthetho oyilwayo wamalungelo kumhlaba woluntu, eneneni kuMhlaba weZizwe, i-Communal Land Rights Bill.

Eneneni i-ANC njengombutho owalwela inkululeko yeli lizwe nabantu balo ayikwazi kwenza ngakumbi. Kaloku abaseki bayo yayiziingqondi nezifundiswa ezazingamafa-nankosi, kanti ke neenkosi ngokwazo. Eyam iKumkani uDalindyebo ngokwakhe, uBhexesh'ilanga aliqal'elwandle aye kuliyek'eGqili apho litshona khona, umfo kaNgangelizwe, iRhamb'elinendevu lakwaMthikrakra elabonwa ngabafazi bakwaMbanga bephangela, uKhalakhulu liluml'abantwana, wakhupha iinkabi zenkomo laamhla wasekwa lo mbutho, esith'ama-Afrika mawatye angalambi ngemini yokuxoxwa ngendlel'entsha yokulwelwa komhlaba. Watshw'esithi ngolo hlobo uyalela bonke abaThembu babengamalungu e-African National Congress.

Ngaloo mhla zazikho neeNkosi zelakwaMshweshwe ezintabeni, kanti nezakwaSobhuza kwelamaNgwane zazilapho. Zazingasalanga nezabaLozi kwelaseZambia. UDinuzulu, isihlobo sakuloDumehlezi kaMenzi,uMshay'akashayeki, iLemb'eleq'amany'amalembe ngokukhalipha, kwagqitywa kwelokuba makawunike isidima lo mbutho ngokuthi abengumongameli wewonga ( honorary president)

Lo mthetho siwuyilayo wenz'elawo igalelo ukubuyisela isidima sama-Afrika nobukhosi bawo. Lo mtheth'uthi yayingekho kakade into yokuba abelungu bathi basigcinel'umhlaba wethu ngokungathi izizwe zakokwethu zingontemekwana. Ngolu hlobo sifumana ithuba lokulungisa umonakalo owenziwa ngoorhulumente babarhwaphilizi nabengcinezelo ekutolikeni imithetho namasiko omz'ontsundu ngendlel'engeyiyo. Ngalo mtheth'uyilwayo, umhlaba wesizwe ngasinye uzakulawulwa ziinkosi, amaphakath'ogaga, abasethyini, abonzakeleyo, abantwan'abazinkedam'ezigcinimizi yakwamawabo, ulutsha nabadala, ngokwebhunga lemveli eliyakubizwa ngokuba yikomiti yolawulo lomhlaba. Ikomiti le, khon'ukuze amalungelo amakhosikazi anganyhashwa, izakuthi ibe nenkosikazi enye kumalungu amathathu.

Kanti nabameli besebe lemihlaba, bebhodi yamalungelo omhlaba, bomphathiswa wolimo ephondweni, bomphathiswa woomaspala ephondweni naboomaspala waloo ndawo umhlaba lowo ukuwo baza kubanelungelo lokubakho kwiintlanganiso zekomiti leyo yolawulo lomhlaba.

Ngubani na ke ngoko onokuthi abemi bomhlaba bazakuhleleleka? Umntu onokutsho ngulowo kuphela uzixelele ukuba ama-Afrika akakwazi ukuphatha izinto zawo ngeendlela zawo.

Le komiti kaloku izakulawula ngemigaqo yoLuntu, ngamasiko esizwe eso, ngawo wona lomthetho neminye efanelekileyo, kwakunye noMthetho siSeko weli lizwe.

Ngokwesiko lomz'ontsundu umhlaba wesisizwe ngowabantu bonke nenkosi yesizwe eso. Umhlaba, isizwe,inkosi azohlulwa. Indod'okwenyani ithi xa izazisa kubantu basemzini, ixele ukuba uyise ungumthile, unina yintombi yasemathileni, iphuma ekuthini kwisizwe senkosi ubani; ingawuxelanga umlamb'esela kuwo nesibuliso senkosi yayo ayigqibanga ukuzazisa.

Umhlaba lo ke ngoko lilifa lesizwe, ekuthi ke kufuneke ukuba wabiwe usetyenziswe ngobunono. Awabelwa nabani na. Kufuneka kucace kuqala ukuba unabantu abaxhomekeke kuwe ukuze babenendlu, bafumane ukutya nezinye izinto zempilo. Indod'enomfazi iyaliphiwa inxiwa. Elo nxiwa lelaloo mfazi nabantwana bakhe. Xa iswelekile umhlolokazi nabantwana lilungelo labo ukuhlala kuloo mzi, bangahlutshwa mntu. Umntu othi uyindlalifa kamfi ngumsebenzi wakhe ukunakekela nokondla nokukhulisa abantwana bakamfi; izinto zikamfi azizizo zendlalifa ukuba yenze ukuthanda kwayo.

Uthe ke umlungu esakungenelela kwintlalo yomnt'ontsundu, wayiguqula impilo yethu, wathi umfazi akanalungelo kumhlaba womzi wakhe. Uthe xa ebhalisa amanxiwa kwimiqulu yakhe wabhalisa indoda yodwa, wamshiya ngaphandle oyena mnikazi wenxiwa, umfazi nabantwana bakhe. Neenkundla zakhe ke umlungu ziwutolike ngolo hlobo ungelulo umthetho wamalungelo ngomhlaba nalowo wamafa ngokwesintu.

Silungisa loo manxele ke ngalomtheth'uyilwayo. Bonk'abanelungelo kwisiza nomhlaba bazakubhaliswa kuxwebhu lwamalungelo ngomhlaba khon'ukuze kungabikho mathandabuzo nakuqhatheka.

Awuthengiseki ke umhlaba wesizwe umthetho wawo. Masikhumbule ukuba sithetha ngesiqwentshwana nje seshumi elinesithathw'ekhulwini xa sithelekisa nomhlaba osezandleni zegcuntswana labamhlophe. Sisalindele ukuba wabelwe wonk'umntu ngobulungisa nalowo. Kodwa ke noko kunjalo lo mthetho uthi xa ikomiti yolawulo-mhlaba ifumana isicelo, sisenziwa ngeenjongo zokuba kubolekwe imali yemveliso nophuhliso, isicelo eso ingasikhaba okanye isamkele. Xa isamkela isicelo esinjalo ikomiti leyo isigqithisela kwibhodi yamalungelo ngomhlaba phambi kokuba sibe siphumelele. Ngale ndlela sinqanda abarhwaphilizi ukuba bangaxhaphazi ubuhlwempu babantu ngokubafak'ematyaleni abangenakuphuma kuwo.

Ndiqinisekile izizwe neenkosi zazo ziya kuwuxhasa nazo lo mthetho. Ngumthetho lo ohamba namaxesha esiphila kuwo, amaxesha amalungelo oluntu ngohlobo lwasemzini olugxininisa esiqwini nangaphezulu koluntu jikelele; ukwahlonipha imbali yethu, amasiko nezithethe nobukhosi bomz'ontsundu. Akukho mntu uqhathiweyo.

Xa kukwesi sithuba mandiqaphule malunga neBhodi yeNgonyama yoMhlaba kwaZulu Natal. Le Bhodi izakuhlala ikho, isebenza ichotshelwe yikumkani ngokwayo. Iza kuthi ke lakuphela lixesha lamalungu ayo akhoyo, yakhiwe ngokutsha ngokwendlela yalo mthetho. Le Bhodi iza kuthi nayo ithi gqolo ukunikezela kwizizwe zobuya bukumkani amalungelo kwimihlaba leyo njengoko kunjalo kwezinye iindawo ngokwalo mthetho. Ikumkani yona, uBhejane phum'esiqhwini kukade bekuvalile, uya kuhlala engumhlali-ngaphambili weBhodi leyo.

Kusekuhleni, ndiqinisekile, ukuba ekuhambeni kwexesha naxa sel'usebenza lo mthetho, nezinye iikumkani zeli ziyakulungiselelwa indima ehambelana nesikhundla sazo.

Kwakhiw'ilizwe, mawethu! I-ANC isebenzela ukuba isizwe soMzantsi Afrika masihambe sonke, kungabikho basala ngasemva. Ngoko ke imithetho efana nalo siza kusoloko siyiphumeza ukuze kungabikho kukhwina kubhek'elephi. Nje ngoko besele nditshilo iimfuno, iimfanelo namalungelo abo bonke abebethe bahleleleka ngenx'engaphambili abuyiselwe, akhuselwe ngulo mthetho. Masiwuthembe, singabinadyudyu, akukho ntw'engaphaya; awenzelwa voti, sekukudala kakade zedlula iintsuku zokuphunyezwa kwawo.

Iminyanya, ndithembile, iyakuxola nayo.

Besenditshilo ndathi, i-African National Congress, ithambo lenyoka elihlaba abayizondayo, iyawuxhasa lomtheth'uyilwayo

Enkosi!