| |
- I-ANC ngumbutho wesizwe olwela inkululeko. Lo mbutho wasekwa ngo 1912
ukuze umanye abantu abaNtsundu kwaye uphembelele nomzabalazo wenguqu
engundoqo yezopolitiko, ezentlalo kunye nezoqoqosho.
- Kwiminyaka engamashumi alithoba i-ANC ikhokele umzabalazo wokulwa
ubuhlanga nengcinezelo, iququzelele intshukumo yenginginya yabantu,
yagaya uluntu lwehlabathi, yaze yathabatha umzabalazo wezigalo wokulwa
ucalu-calulo (apartheid).
- I-ANC yankqenkqeza phambili ngokuphumelela idabi lentatho nxaxheba
kawonkewonke (ledemokhrasi) kunyulo lwango 1994, apho yanikwa amandla
aqinileyo okungenela uthetha-thethwano loMgaqo-siseko omtsha we ntatho
nxaxheba kawonkewonke (wedemokhrasi) waseMzantsi Afrika. UMgaqo-siseko
omtsha wavunywa ngo 1996.
- I-ANC yaphinda yonyulwa ngo 1999 ukuba ikhokhele urhulumente welizwe
noorhulumente bamaphondo ngamandla athe xhaxhe.
- Imigaqo ye-ANC iqulungqwa ngamalungu ayo kwaye iinkokeli zayo zisabela
iimfuno zamalungu.
- Ubulungu be-ANC buvuleleke kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika abangaphezulu
kweminyaka eli 18 ubudala, abamkela imimiselo, imigaqo kunye neenkqubo
zayo, akukhathaliseki nokuba ngabaluphina uhlanga, banguwuphina umbala
nemvelaphi.
ZIYINTONI IINJONGO ZE-ANC?
- Injongo ye-ANC engundoqo kukuseka nokuphuhlisa ilizwe elimanyeneyo,
lingenabuhlanga, elingakhethiyo phakathi kwendoda nenkosikazi kwakunye
nentatho nxaxheba kawonkewonke ekuphuculeni ubomi boluntu jikelele.
- Oku kuthetha ukukhulula abantu abaNtsundu ngokubanzi ngokukodwa kunye
nabantu abamnyama kwidyokhwe yobukhoboka bezopolitiko nobezoqoqosho.
Oku kuthetha ukuphakamisa umgangatho wentlalo yabo bonke abantu baseMzantsi
Afrika, ngakumbi abangamahlwempu.
- Umzabalazo wokufezekisa ezi njongo ubizwa ngokuba yiNtshukumo yeLizwe
yeDemokhrasi (National Democratic Revolution).
YINTONI EKHOKELA UMGAQO WE-ANC?
UMqulu weNkululeko (Freedom
Charter), owavunywa yiNkongolo yaBantu (Congress of the People) ngo 1955,
usisiseko se-ANC.
I-Freedom Charter ibhengeza ukuba:
- Abantu bayakulawula
- Bonke abantu elizweni bayakubanamalungelo alinganayo
- Abantu bayakwabelana ngobutyebi belizwe
- Umhlaba kuyakwabelwana ngawo ngabo bawusebenzayo
- Bonke abantu bayakulingana phambi komthetho
- Bonke abantu bayakuxhamla amalungelo oluntu alinganayo
- Kuyakubakho umsebenzi kunye nokhuseleko
- Amasango emfundo nenkcubeko ayakuvuleleka
- Kuyakubakho izindlu, ukhuseleko nokonwaba
- Kuyakubakho uxolo nobudlelwane
Ngo 1994, i-ANC yavuma iNkqubo yoKwakha Ngokutsha noPhuhliso Lwelizwe,
okanye i-Reconstruction and Development Programme (RDP), njengesicwangciso
esisisiseko somgaqo okhokela i-ANC kwinguqu yoMzantsi Afrika. Iinkqubo
eziphambili ze-RDP zezi:
- ukufezekisa iimfuno zoluntu ezisisiseko
- ukuphuhlisa uluntu
- ukwakha ezoqoqosho
- ukumilisela intathonxaxheba ka-wonkewonke eburhulumenteni nasentlalweni
- Iflegi ye-ANC yenziwe ngemiqukumbelo edwelileyo elinganayo emnyama,
eluhlaza nenombala wegolide. Ubumnyama buluphawu lwabantu baseMzantsi
Afrika abathi balwela inkululeko kwizizukulwana ngezizukulwana. Umbala
oluhlaza umele umhlaba, owagcina abantu iinkulungwane ngeenkulungwane,
nalapho abantu basuswa khona ngoorhulumente bamakolonali (Colonialist)
nabo-bandlululo. Umbala wegolide umele izimbiwa kunye nobutyebi obubobantu
bonke baseMzantsi Afrika, kodwa obebukade buyinzuzo exhamlwa ligcuntswana
lobuhlanga.
- Umgximfizo (logo) unomkhonto kunye nekhaka, zona ezimele iimfazwe
zangaphambili ezazisiwa ulawulo lwamakolonali, umzabalazo wezigalo wephiko
elalisakuba lelezigalo le-ANC, u Mkhonto we Sizwe, kunye nomzabalazo
oqhubekayo we-ANC wokulwa izibonelelo zobuhlanga kunye nengcinezelo
yobuhlanga. Ivili lisukela emva kwephulo leNkongolo yaBantu (Congress
of the People), eyavuma i-Freedom Charter, kwaye liphawula ukumanyana
kwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika kumzabalazo wenkululeko. Olu luphawu
lwesithethe esomeleleyo se-ANC sokungakhethi ngokobuhlanga. Inqindi
elibambe umkhonto limele amandla abantu abamanyeneyo kumzabalazo wenkululeko.
- Isikhahlelo se-ANC esithi "Amandla ngawethu" okanye "Matla
ke arona" sithetha 'amandla ebantwini' nto leyo ebonisa imfuno
engundoqo ye-Freedom Charter ethi abantu bayakulawula. Le yimbonakaliso
ye-ANC yokuzimisela nokuzinikela ekwakheni nasekumiliseleni nzulu intatho
nxaxheba kawonkewonke yoluntu ngokubanzi nangokuphangaleleyo kunye nokubandakanyeka
okunentshukumo kwabantu kumzabalazo wokuphucula intlalo yabo.
LUYINTONI UXANDUVA LWELUNGU LE-ANC?
Izinto ezixabisekileyo kunye nemimiselo yelungu le-ANC ibandakanya:
- Ukuzithoba kunye nokuzinikela kokungazicingeli wena wedwa kumzabalazo
wentlalo engenabuhlanga, engakhethiyo phakathi kwendoda nenkosikazi
kunye ntatho nxaxheba kawonkewonke.
- Ukuthabatha ingqalelo iimfuno kunye neminqweno yabantu, echaziweyo
kwimimiselo ye Batho Pele - abantu kuqala.
- Ukuzimisela ekuhlonipheni imigaqo yalo mbutho kunye nezigqibo zentlanganisela
(Alliance).
Amalungu e-ANC alindeleke ukuba:
- Abandakanyeke kwisebe le-ANC, ahlawule imirhumo yobulungu kwaye ancedise
ekwakheni i-ANC.
- Athabathe inxaxheba kwiingxoxo, ekuqulungqweni nasekumiselweni komgaqo
kunye neenkqubo ze-ANC
- amkele kwaye akhusele izigqibo zamacandelo alo mbutho
- akhe ubumbano lwe-ANC kunye nentshukumo yentatho nxaxheba kawonkewonke
kwaye anqande ubuqhetseba, ukukhetha ngokuzalana kunye nobuhlakani.
- alwe ubuhlanga, ubuntshovu-ntshovu bokubeka phambili imvelaphi, ubuntshovu-ntshovu
bokubeka phambili ukuba yindoda okanye ukubayinkosikazi, ukunganyamezelani
ngokwenkolo yecawe nangokwezopolitiko okanye naluphina uhlobo localu-calulo.
- athi gqolo ukuzazisa ngezinto eziqhubekayo kwezopolitiko neminye imiba,
azakhe ngokwakhe njengenxenye yenkqubo yemfundo engagugelwayo.
- athi rhoqo ukusondela nokuzibandakanya nabantu kwaye adlale indima
enentshukumo kwimibandela yabahlali.
- abengumzekelo ekuziphatheni kwintlalo yemihla ngemihla, kwaye angasebenzisi
izikhundla zawo ukuze abenguhlohlesakhe okanye azityebise yena ngokwakhe
okanye azifumanele inzuzo.
NGAWAPHI AMACANDELO E-ANC?
- Isebe (branch) licandelo elisisiseko le-ANC, apho amalungu
athabatha inxaxheba khona kwimisebenzi ye-ANC kunye neengxoxo zezopolitiko.
Isebe 'liliso nentsika' ('vanguard') yabahlali, imele iimfuno zabahlali,
ivakalisa iminqweno yabo kwaye iqoqonga abahlali ukuze basebenzisane
ekuphuhliseni indawo yabo. Isebe ngalinye lonyula i-Komiti yeSigqeba
yesebe (Branch Executive Committee) kwiNtlanganiso yoNyaka yamalungu
esebe(Annual General Meeting).
- IKomiti yeSigqeba yeNgingqi okanye i-Regional Executive
Committee (REC) yonyulwa kwiNkomfa yeNgingqi (Regional Conference)
qho kwisithuba seminyaka emibini ngabamelii bamasebe kwingingqi.
- IKomiti yeSigqeba sePhondo okanye i-Provincial Executive
Committee) (PEC) yonyulwa kwiNkomfa yePhondo (Provincial Conference)
qho kwisithuba seminyaka emithathu ngabameli bamasebe kwiphondo.
- IKomiti yeSigqeba kaZwelonke
okanye i-National Executive Committee (NEC), lelona candelo liphezulu
le-ANC phakathi kweeNkomfa kwaye inoxandava lokukhokela umbutho. Yonyulwa
qho kwiminyaka emihlanu kwinkonfa yeLizwe (National Conference). i NEC
yonyula i National Working Committee kwalapha kuyo ukuze yenze umsebenzi
wombutho kwimihla ngemihla.
- INkomfa yeLizwe (National Conference), Ieqhubeka qho
kwiminyaka emihlanu lelona candelo likhulu lokwenza izigqibo kwi-ANC.
Abameli bamasebe babandakanya I 90 pesenti nangaphezulu yabathunywa
abane gunya lokonyula iinkokheli (abavotayo) kwi Nkomfa kaZwelonke.
Phakathi kweeNfomfa zikaZwelonke kubanjwe i- National General Council
ukuze ivavanye inkqubo yombutho.
- Umbutho wamakhosikazi, i-ANC Women's League
isebenza njengecandelo elithe qeke ngaphakathi kumbutho we-ANC. Iinjongo
zayo kukukhusela nokuqhubela phambili amalungelo amakhosikazi ukuze
kunqandwe zonke iintlobo zengcinezelo kwaye kuqinisekiswe ukuba amakhosikazi
adlala indima epheleleyo kubomi bombutho. I-Women's League ivulelekile
kuwo wonke amakhosikazi angamalungu e-ANC.
- Umbutho wolutsha, i-ANC Youth
League nayo isebenza njengecandelo elithe qeke, kwaye iinjongo zayo
kukudibanisa nokukhokela ulutsha ekumelaneni nasekusombululeni iingxaki
ezijongene nolutsha, nasekuqinisekiseni ukuba ulutsha lwenza igalelo
eligcweleyo nelityebileyo kumsebenzi we-ANC. Ubulungu be-Youth League
buvulelekile kubo bonke abantu abaphakathi kweminyaka eli 14 nama 35.
YINTONI I-TRIPARTITE ALLIANCE (uNxantathu Wembumba)?
I-ANC ikwi-mbimba (alayensi) ne-South
African Communist Party (SACP) kunye ne-Congress
of South African Trade Unions (COSATU). Ugxa ngamnye we-mbumba ungumbutho
ozimeleyo onomgaqo-siseko wawo, amalungu awo kunye neenkqubo zawo. Le
Mbumba okanye i-Alayensi isekelwe ekuzimiseleni okufanayo kwiinjongo zeNtshukumo
yeLizwe yeDemokhrasi (National Democratic Revolution) kunye nemfuneko
yokuhlanganisa inginginya yoluntu lwaseMzantsi Afrika ngokubanzi ekuxhaseni
ezi njongo.
IINDAWO OFUMANA KUZO I-ANC
Amasebe e-ANC afumaneka kuzo zonke izixeko, iidolophu neelali eMzantsi
Afrika. I-ANC ine-ofisi enkulu kaZwelonke,
ii-ofisi ezilithoba zamaphondo kunye
nee-ofisi ezingamashumi amahlanu ananye (51) zeengingqi. |